Testamente Endala

Testamente Entsha

Imizekeliso 16:1-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Zezomntu izicwangciso zentliziyo;Ke yona impendulo yolwimi ivela kuYehova.

2. Zonke iindlela zendoda ziqaqambile kwawayo amehlo;Ke yena umlinganisi womoya nguYehova.

3. Qengqela kuYehova izenzo zakho,Zizimasèke iingcinga zakho.

4. Zonke izinto uYehova uzenzele intsingiselo yakhe,Kwanongendawo umenzéle imini yobubi.

5. Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo;Kakade ke, ababi msulwa.

6. Ngenceba nenyaniso buyacanyagushelwa ubugwenxa;Ngokoyika uYehova umntu uyatyeka ebubini.

7. Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda,Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo.

8. Ilungile intwana encinane enobulungisa,Ngaphezu kolungiselo oluninzi olukunye nokungesesikweni.

9. Intliziyo yomntu icinga indlela yakhe;NguYehova oyalela ukunyathelakwakhe.

10. Izihlabo zisemilebeni yomlomo wokumkani;Mawungamenezi esikweni umlomo wakhe.

11. Isilinganiso nesikali* esisesikweni sesikaYehova;Asisenzo sakhe onke amatye* asengxoweni.

12. Lisikizi kubo ookumkani ukwenza okungendawo,Kuba itrone izinziswa bubulungisa.

13. Ukumkani uyakholiswa ngumlomo wobulungisa;Othetha okuthe tye uyathandwa.

14. Ubushushu bokumkani buzizithunywa zokufa;Ke indoda elumkileyo iyamcamagusha.

15. Ekukhanyeni kobuso bokumkani bubomi;Okuthandwa nguye kunjengelifu lemvula yasekwindla.

16. Ukurhweba ubulumko kungakanani na ukulunga kwako, ngaphezu kwegolide embiweyo!Nokurhweba ingqondo kungakanani na ukunyuleka kwako, ngaphezu kwesilivere!

17. Umendo wabathe tye kukutyeka ebubini;Ulondoloza umphefumlo wakhe ogcina indlela yakhe.

18. Ikratshi likhokela intshabalalo;Ukuzidla kukhokela ukukhubeka.

19. Kulungile ukuba nomoya othobekileyo phakathi kwabalulamileyo,Ngaphezu kokwaba amaxhoba nabanekratshi.

funda isahluko epheleleyo Imizekeliso 16