Testamente Endala

Testamente Entsha

Ilevitikus 7:23-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Ize ningadli nqatha lankomo, namvu, nabhokhwe.

24. Inqatha lento ezifeleyo, nenqatha lento eqwengiweyo, ningásebenza ngalo emisebenzini yonke; ke ukulidla ningalidli.

25. Kuba bonke abalidlayo inqatha lezinto ezizitho ziné, abazisondezileyo zaba kukudla kwasemlilweni kuYehova, loo mntu ulidlayo wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

26. Ize ningadli gazi emakhayeni enu onke, nelantaka, nelazinto zizizitho ziné.

27. Wonke ubani osukuba esidla nto iligazi, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.

28. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

29. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Lowo usondeza umbingelelo wakhe woxolo kuYehova, ukuwuzisa umsondezo wakhe kuYehova, wówuthabatha kumbingelelo wakhe woxolo lowo.

30. Izandla zakhe zókuzisa ukudla kwasemlilweni kukaYehova: inqatha eliphezu kwencum wolizisa kunye nencum, ukuba litshangatshangiswe libe ngumtshangatshangiso phambi koYehova.

31. Umbingeleli woqhumisela ngenqatha elo esibingelelweni; ke yona incum ibe yeka-Aron neyoonyana bakhe;

32. umlenze wasekunene niwunike umbingeleli, ube ngumrhumo kumbingeleli emibingelelweni yenu yoxolo.

33. Lowo phakathi koonyana baka-Aron, usondeza igazi lombingelelo woxolo nenqatha, umlenze wasekunene woba ngowakhe, ube sisabelo sakhe.

34. Kuba incum yomtshangatshangiso, nomlenze womrhumo, ndiwuthabathile koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo; ndiwuniké uAron umbingeleli, noonyana bakhe, ukuba ube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Ilevitikus 7