Testamente Endala

Testamente Entsha

Ilevitikus 27:14-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Xa athe umntu wayingcwalisa indlu yakhe ukuba ibe ngcwele kuYehova, umbingeleli makayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi; njengoko umbingeleli ayilinganiseleyo, yoqiniseka ngokunjalo.

15. Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula ngentlawulelo indlu yakhe, makongeze isahlulo sesihlanu sesilivere yokulinganisela kwakho kuko oko, ibe yeyakhe.

16. Ukuba umntu uthe wangcwalisa kuYehova inxalenye yentsimi yelifa lakhe, ukulinganisela kwakho makube ngokwembewu yayo, ihomere* yembewu yerhasi ngeeshekele* zesilivere ezimashumi mahlanu.

17. Ukuba úthe wayingcwalisa intsimi yakhe, ethabathe emnyakeni wentlokoma,* mayiqiniseke ngokulinganisela kwakho.

18. Ukuba úthe wayingcwalisa intsimi yakhe emva kowentlokoma, umbingeleli makambalele imali ngokweminyaka esaseleyo, kuse emnyakeni wentlokoma, iphungulwe kweyokulinganisela kwakho.

19. Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula okunene ngentlawulelo intsimi, makongeze isahlulo sesihlanu semali yokulinganisela kwakho kuko oko, iqiniseke kuye.

20. Ukuba úthe akayikhulula ngentlawulelo intsimi, nokuba uthe wathengisa ngentsimi leyo komnye umntu, mayingabi sakhululwa ngentlawulelo.

21. Loo ntsimi yoba ngcwele kuYehova, ekuphumeni kwayo kuloo mntu ngomnyaka wentlokoma, njengentsimi eyahlulelwe ukuba ibe lilifa lombingeleli.

22. Ukuba úthe wangcwaliswa kuYehova intsimi yentengo yakhe, ingentsimi yelifa lakhe,

23. umbingeleli makambalele inani lokulinganisela kwakho, kuse emnyakeni wentlokoma, anike ukulinganisela kwakho ngaloo mhla, kube njengento engcwele kuYehova.

24. Ngomnyaka wentlokoma intsimi mayibuyele kulowo yathengwa kuye, kulowo belilelakhe ilifa lomhlaba.

25. Konke ukulinganisela kwakho makube ngeshekele* yengcwele; ishekele yoba ziigera* ezimashumi mabini.

26. Ngamazibulo odwa ezintweni ezizitho ziné, azítyulelwa kuYehova, angayi kungcwaliswa mntu, nokuba yinkomo, nokuba yimvu; ngakaYehova.

27. Ukuba ngawezinto ezizitho ziné eziziinqambi, makamiselwe ngokulinganisela kwakho, kongezwe isahlulo sesihlanu sayo kuko oko; ke ukuba athe akakhululwa ngentlawulelo, makuthengiswe ngawo ngokulinganisela kwakho.

funda isahluko epheleleyo Ilevitikus 27