Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 94:10-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Umthethisi weentlanga akayi kohlwaya na,Ulofundisa abantu ukwazi?

11. UYehova ngumazi weengcinga zabantu,Ukuba zingumphunga.

12. Hayi, uyolo lwendoda oyithethisayo, Yehova,Oyifundisayo ngomyalelo wakho;

13. Ukuba uyizolise eziminini zobubi,Ade ambelwe isihogo ongendawo.

14. Ngokuba uYehova akabalahli abantu bakhe,Akalishiyi ilifa lakhe.

15. Ngokuba isiko liya kubuyela ebulungiseni,Balilandele bonke abantliziyo zithe tye.

16. Ngubani na oya kusukela phezulu kubo abanobubi, ngenxa yam?Ngubani na oya kumelana nabasebenzi bobutshinga, ngenxa yam?

17. Koko uYehova abe luncedo lwam,Umphefumlo wam unge uhle msinya, waya apho kuthiwa cwaka khona.

18. Ukuba ndithi, Lwatyibilika unyawo lwam,Isuka inceba yakho, Yehova, indixhase.

19. Ebuninzini beengcinga-ngcinga zam ngaphakathi kwam,Iintuthuzelo zakho ziyawuyolisa umphefumlo wam.

20. Ingáqhelana nawe na itrone yolweyeliselo,Ebumba ububi ngommiselo?

21. Bahlanganyela umphefumlo welungisa,Baligwebe igazi elimsulwa.

22. Kanti ke uYehova uyingxonde kum,UThixo wam liliwa endizímela ngalo.

23. Úbubuyisela phezu kwabo ubutshinga babo,Ubabhangisa ngobubi babo;Uya kubabhangisa uYehova, uThixo wethu.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 94