Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 9:2-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ndiya kuvuya ndidlamke ngawe;Ndiya kulibethela uhadi igama lakho,Wena usenyangweni.

3. Ekubuyeni kweentshaba zam umva,Ziyawa, zibhubhe ebusweni bakho.

4. Ngokuba ùlifezile ityala lam nebango lam;Ùhleli etroneni ungumgwebi olilungisa.

5. Ùzikhalimele iintlanga, wabatshabalalisa abangendawo;Igama lazo ùlicimile ngonaphakade kanaphakade.

6. Iintshaba zona zigqibele, yangamanxuwa kwaphela;Imizi ùyinyothule,Yadaka inkumbulo yayo yona.

7. Ke yena uYehova uhleli ngonaphakade,Uyizinzisele ugwebo itrone yakhe.

8. Úya kugweba yena kwelimiweyo ngobulungisa,Agwebe phakathi kwezizwe ngokuthe tye.

9. UYehova makabe yingxonde kotyunyuziweyo,Ingxonde ngamaxesha engxingongo;

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 9