Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 86:1-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thoba indlebe yakho, Yehova, ndíphendule,Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu.

2. Wugcine umphefumlo wam, ngokuba ndingowenceba;Msindise, wena Thixo wam, umkhonzi wakho,Lo ukholose ngawe.

3. Ndíbabale, Nkosi yam,Ngokuba ndidanduluka kuwe yonke imini.

4. Wuvuyise umphefumlo womkhonzi wakho,Ngokuba umphefumlo wam ndiwuphakamisela kuwe, Nkosi yam;

5. Ngokuba ùlungile wena, Nkosi yam, uxolela;Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo.

6. Wubekele indlebe umthandazo wam, Yehova,Ulibazele indlebe izwi lokutarhuzisa kwam.

7. Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena,Ngokuba uya kundiphendula.

8. Akukho únjengawe, Nkosi yam, phakathi koothixo;Akukho zenzo zinjengezakho.

9. Zonke iintlanga owazenzayo ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Nkosi yam,Zizukise igama lakho.

10. Ngokuba ùmkhulu, wenza imisebenzi ebalulekileyo,ÙnguThixo wena wedwa.

11. Ndíyalele, Yehova, indlela yakho,Ndihambe ngenyaniso yakho;Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.

12. Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke,Ndilizukise igama lakho ngonaphakade:

13. Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum;Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo.

14. Thixo, ábakhukhumali basukéle phezulu kum;Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam;Àbakumisi wena phambi kwabo.

15. Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo,Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso.

16. Ndíbheke, undibabale;Mphe amandla akho umkhonzi wakho,Úmsindise unyana womkhonzazana wakho.

17. Ndénzele umqondiso wokulungileyo,Bawubone abandithiyayo, badane,Kuba wena, Yehova, undincedile, wandithuthuzela.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 86