Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:3-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Esakuváyo sakwazi,Abasibaliseláyo oobawo.

4. Asiyi kukugusha koonyana babo;Sobalisela isizukulwana esizayo iindumiso zikaYehova,Namandla akhe, nemisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo.

5. Wamisa isingqiniso kwaYakobi,Wabeka umyalelo kwaSirayeli,Awawumisela oobawo,Ukuba bawazíse oonyana babo;

6. Ukuze síwazi isizukulwana esizayo, oonyana abaza kuzalwa,Basuke babalisele ababo oonyana;

7. Bayàme ngoThixo,Bangazilibali izenzo ezincamisayo zikaThixo,Bayilondoloze imithetho yakhe:

8. Bangabi njengooyise,Isizukulwana esiyinjubaqa, esineenkani,Isizukulwana esingayilungisanga intliziyo yaso,Esimoya unganyanisanga kuThixo.

9. Oonyana bakaEfrayim, bexhobile, beziintoli ezinezaphetha,Bajika ngemini yemfazwe.

10. Abawugcinanga umnqophiso kaThixo,Abavumanga ukuhamba ngomyalelo wakhe;

11. Bazilibala izenzo zakhe ezincamisayo,Nezibalulekileyo zakhe awababonisayo.

12. Phambi kooyise wenza ngokubalulekileyoEzweni lamaYiputa, emhlabeni waseTsohan.

13. Wàludabula ulwandle, wabaweza,Wawamisa amanzi njengemfumba.

14. Wabakhapha ngelifu emini,Ngokukhanya komlilo ubusuku bonke,

15. Walicanda iliwa entlango,Wabaseza amanzi anzongonzongo kakhulu;

16. Wavelisa imiqukuqela yamanzi engxondorheni,Wahlisa amanzi njengemilambo.

17. Baqokela noko ukona kuye,Nokumphikisa Osenyangweni emqwebedwini.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78