Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 77:1-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Izwi lam lisingisa kuThixo, ndikhala;Izwi lam lisingisa kuThixo, ukuba andibekele indlebe.

2. Ngemini yokubandezelwa kwam ndiquqela eNkosini yam;Isandla sam solukile ebusuku, asaqoba;Awavuma ukuthuthuzeleka umphefumlo wam.

3. Ndikhumbula uThixo, ndincwine;Ndithelekelele, utyhafe umoya wam. (Phakamisani.)

4. Ùzibambile iinkophe zamehlo am,Ndikhandiwe, andaba nakuthetha.

5. Ndicinga ngemihla yamandulo,Iminyaka yasephakadeni;

6. Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi;Ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam.

7. Ndithi, Iya kundihlamba ngonaphakade na iNkosi yam,Ingabi saphinda iphathe ngetarhu na?

8. Iphelé yaphela na inceba yayo?Sígqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana?

9. UThixo ukulibele na ukubabala?Uyivingcele ngomsindo kusini na imfesane yakhe? (Phakamisani.)

10. Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi;Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni.

11. Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova;Ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo.

12. Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho,Ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.

13. Thixo, isebungcweleni indlela yakho;Ngubani na onguthixo omkhulu njengoThixo wethu?

14. UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo;Wawazísa amandla akho ezizweni,

15. Wabakhulula ngengalo abantu bakho,Oonyana bakaYakobi noYosefu. (Phakamisani.)

16. Akúbona amanzi, Thixo,Akúbona amanzi, azibhija-bhija,Ewe, agungqa amanzi enzonzobila;

17. Amafu engqingqwa aphalaza amanzi,Isibhakabhaka savakalisa isandi;Ewe, iintolo zakho zahamba-hamba.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 77