Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 72:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Baya kuguqa phambi kwakhe abemi bomqwebedu,Zikhothe uthuli iintshaba zakhe.

10. Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baya kunika iminikelo;Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baya kusondeza isithabathaba;

11. Baqubude kuye bonke ookumkani,Zimkhonze sonke iintlanga.

12. Ngokuba úya kulihlangula ihlwempu elizibikayo,Nabaziintsizana abangenaluncedo;

13. Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu;Asindise imiphefumlo yamahlwempu;

14. Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni;Linqabile emehlweni akhe igazi lawo.

15. Úya kuphila anikwe igolide yakwaShebha,Bahlale bemthandazela,Bamsikelele imini yonke.

16. Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba;Ukuqhama kwayo makurhashaze njengeLebhanon;Mabatyatyambe emizini yabo njengemifuno yomhlaba.

17. Malibe ngunaphakade igama lakhe;Malivelise amagatya igama lakhe phambi kwelanga,Bazisikelele ngaye;Mazithi zonke iintlanga úngonoyolo.

18. Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli.Ulomenzi wemisebenzi ebalulekileyo yena yedwa.

19. Malisikelelwe igama lakhe elizukileyo ngonaphakade,Lizale lonke ihlabathi luzuko lwakhe. Amen, amen.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 72