Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 72:3-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Iintaba mazibathwalele uxolo abantu,Kwaneenduli zibathwalele ebulungiseni.

4. Makagwebe ityala labaziintsizana ebantwini,Asindise oonyana bamahlwempu,Abatyumze abacudisi.

5. Mabakoyike, ukuhlala elihleliyo ilangaKwanenyanga, izizukulwana ngezizukulwana.

6. Makehle njengemvula ehla phezu kotyani obusikwayo,Njengeziphango, njengemvula emathontsi makhulu, emhlabeni.

7. Malityatyambe ngemihla yakhe ilungisa,Nobuninzi boxolo, ide ingabi sabakho inyanga.

8. Makaphathe ubukhosi ethabathela elwandle ase elwandle,Ethabathela kuwo uMlambo* ase eziphelweni zehlabathi.

9. Baya kuguqa phambi kwakhe abemi bomqwebedu,Zikhothe uthuli iintshaba zakhe.

10. Ookumkani baseTarshishe nabeziqithi baya kunika iminikelo;Ookumkani bakwaShebha nabakwaSebha baya kusondeza isithabathaba;

11. Baqubude kuye bonke ookumkani,Zimkhonze sonke iintlanga.

12. Ngokuba úya kulihlangula ihlwempu elizibikayo,Nabaziintsizana abangenaluncedo;

13. Abenzele inceba abasweleyo nabangamahlwempu;Asindise imiphefumlo yamahlwempu;

14. Akhulule imiphefumlo yawo ekuxinezelweni nasekugonyamelweni;Linqabile emehlweni akhe igazi lawo.

15. Úya kuphila anikwe igolide yakwaShebha,Bahlale bemthandazela,Bamsikelele imini yonke.

16. Makubekho intabalala yengqolowa ezweni, ise encotsheni yeentaba;Ukuqhama kwayo makurhashaze njengeLebhanon;Mabatyatyambe emizini yabo njengemifuno yomhlaba.

17. Malibe ngunaphakade igama lakhe;Malivelise amagatya igama lakhe phambi kwelanga,Bazisikelele ngaye;Mazithi zonke iintlanga úngonoyolo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 72