Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 71:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Umlomo wam uya kubalisa ngemisebenzi yobulungisa bakho,Neyosindiso lwakho imini yonke, ngokuba ndingàwazi amanani ayo.

16. Ndiya kuza nemisebenzi yobugorha beNkosi uYehova;Ndiya kukhankanya ubulungisa bakho, bakho wedwa.

17. Thixo, undifundisile kwasebuncinaneni bam;Unangoku ndiyayixela imisebenzi yakho ebalulekileyo.

18. Thixo, musa ukundishiya kude kuye ebuxhegweni nasezimvini;Ndide ndiyixele ingalo yakho kwisizukulwana esitsha,Nobugorha bakho kubo bonke abaya kuza.

19. Thixo, ubulungisa bakho buye bafika phezulu;Wena uzenzayo izinto ezinkulu,Thixo, ngubani na onjengawe?

20. Wena, usibonisileyo iimbandezelo ezininzi ezinobubi,Ùya kubuya usiphilise,Ubuye usirhole ezinzonzobileni zamanzi ehlabathi;

21. Ùya kubandisa ubukhulu bam,Ubuye wena undithuthuzele.

22. Ndiya kuyibulela nokuyibulela kuwe ngomrhubheInyaniso yakho, Thixo wam;Ndiya kukubethela uhadi,Ngcwele kaSirayeli.

23. Úya kumemelela umlomo wam, ndakùkubethela uhadi,Nomphefumlo wam owukhululeyo;

24. Nolwimi lwam luya kuxela ubulungisa bakho imini yonke,Ngokuba bedanile beneentloni abafuna ukuba ndihlelwe bububi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 71