Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 69:11-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Oko kwaba yingcikivo kum.Iingubo zam zaba zezirhwexayo,Ndaba yinto yokuzekelisa kubo.

12. Bathetha ngam abahleli esangweni;Ndiyingoma yamanxila.

13. Ke mna ndithandaza kuwe, Yehova, ngexesha elikholekileyo:Thixo, ngobuninzi benceba yakho,Ndíphendule ngenyaniso yosindiso lwakho.

14. Ndílangule eludakeni, ndingatshoni;Mandihlangulwe kwabandithiyayo nasemimbithini enamanzi.

15. Mawungandintywiliseli umsinga wamanzi;Ingandiginyi inzulu;Iqula malingandivingceli ngomlomo walo

16. Ndíphendule, Yehova, ngokuba ilungile inceba yakho,Ngangobuninzi bemfesane yakho ndíbheke.

17. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kumkhonzi wakho,Ngokuba ndibandezelekile; khawuleza undiphendule.

18. Sondela emphefumlweni wam, uwukhulule;Ngenxa yeentshaba zam ndíkhulule.

19. Wena uyakwazi ukungcikivwa kwam, nokudaniswa kwam, nokuhlazwa kwam;Baphambi kwakho bonke abandibandezelayo.

20. Ingcikivo yaphula intliziyo yam, ndaphantsa ukufa;Ndathemba ukukhuzwa, akwabakho;Nokuthuthuzelwa, andakufumana.

21. Ukudla bándinika inyongo;Ekunxanweni kwam bándiseza iviniga.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 69