Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 67:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela,Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)

2. Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho,Usindiso lwakho ezintlangeni zonke.

3. Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo,Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;

4. Zavuya zamemelela izizwe:Ngokuba ùya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye,Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)

5. Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo,Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela.

6. Umhlaba uyivelisile indyebo yawo;Úya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;

7. Úya kusisikelela uThixo,Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 67