Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 66:9-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ulomisa umphefumlo wethu ebomini,Àkalunikela unyawo lwethu ekutyibilikeni.

10. Ngokuba ùsicikidile, Thixo;Ùsinyibilikisile njengokunyibilikiswa kwesilivere;

11. Ùsingenise emboniselweni;Ùbeke uxinzelelo esinqeni sethu;

12. Ùkhwelise abantu entlokweni yethu;Singéne emlilweni nasemanzini;Waza wasikhuphela endaweni enendyebo.

13. Ndiya kungena endlwini yakho ndinamadini anyukayo;Ndiya kuzizalisa kuwe izibhambathiso zam,

14. Eyazivulelayo imilebe yomlomo wam,Owazithethayo umlomo wam ekubandezelweni kwam.

15. Ndiya kunyusela kuwe amadini anyukayo eemvana ezityebileyo,Ndawonye nesiqhumiso seenkunzi zeegusha;Ndiya kwenza aweenkomo ndawonye naweenkunzi zeebhokhwe. (Phakamisani.)

16. Yizani, nive, ndinixelele, nonke nina bamoyikayo uThixo,Oko akwenzele umphefumlo wam.

17. Ndadanduluka kuye ngomlomo wam;Kwaye ukubonga kuphantsi kolwimi lwam.

18. Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam,INkosi yam ibingayi kuphulaphula.

19. Hayi ke, uThixo uphulaphule,Úlibazéle indlebe ilizwi lomthandazo wam.

20. Makabongwe uThixo,Yena ungawugxothanga umthandazo wam,Nobubele bakhe kum.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 66