Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 66:1-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Dumani kuThixo, nonke hlabathi,

2. Lubetheleni uhadi uzuko lwegama lakhe,Mzukiseni, mdumiseni.

3. Yithini kuThixo, Hayi, ukoyikeka kwemisebenzi yakho!Ngenxa yobuninzi bamandla akho ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho.

4. Lonke ihlabathi liya kukunqula,Bakubethele uhadi;Balibethele uhadi igama lakho. (Phakamisani.)

5. Yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo,Engowoyikekayo ekwenzeni kwakhe koonyana babantu.

6. Wáluguqula ulwandle lwayinto eyomileyo;Bawuwela umlambo ngeenyawo;Apho savuya ngaye.

7. Ulolawula ngobugorha bakhe ngonaphakade;Amehlo akhe ayabonisela ezintlangeni;Abaziinjubaqa mabangaziphakamisi. (Phakamisani.)

8. Mbongeni, zizwe, uThixo wethu,Nivakalise ilizwi lendumiso yakhe.

9. Ulomisa umphefumlo wethu ebomini,Àkalunikela unyawo lwethu ekutyibilikeni.

10. Ngokuba ùsicikidile, Thixo;Ùsinyibilikisile njengokunyibilikiswa kwesilivere;

11. Ùsingenise emboniselweni;Ùbeke uxinzelelo esinqeni sethu;

12. Ùkhwelise abantu entlokweni yethu;Singéne emlilweni nasemanzini;Waza wasikhuphela endaweni enendyebo.

13. Ndiya kungena endlwini yakho ndinamadini anyukayo;Ndiya kuzizalisa kuwe izibhambathiso zam,

14. Eyazivulelayo imilebe yomlomo wam,Owazithethayo umlomo wam ekubandezelweni kwam.

15. Ndiya kunyusela kuwe amadini anyukayo eemvana ezityebileyo,Ndawonye nesiqhumiso seenkunzi zeegusha;Ndiya kwenza aweenkomo ndawonye naweenkunzi zeebhokhwe. (Phakamisani.)

16. Yizani, nive, ndinixelele, nonke nina bamoyikayo uThixo,Oko akwenzele umphefumlo wam.

17. Ndadanduluka kuye ngomlomo wam;Kwaye ukubonga kuphantsi kolwimi lwam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 66