Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 5:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wabekele indlebe amazwi am, Yehova,Kúqonde ukucamanga kwam.

2. Libázele indlebe izwi lokuzibika kwam, Kumkani wam, Thixo wam;Ngokuba ndithandaza kuwe.

3. Yehova, ùya kuliva izwi lam kwakusasa,Kwakusasa ndiya kuwusingisa kuwe umthandazo wam, ndibonisele.

4. Ngokuba wena akunguThixo onanze okungendawo,Akanakuphambukela kuwe onobubi.

5. Abanakuma abaqhayisi phambi kwamehlo akho;Ùyabathiya bonke abasebenzi bobutshinga.

6. Ùyabatshabalalisa abathetha amanga;Indoda enegazi nenkohliso ilisikizi kuYehova.

7. Ke mna, ndinokungena endlwini yakho ngenceba yakho eninzi,Ndiqubude, ndibhekise etempileni yakho engcwele ngokukoyika.

8. Yehova, ndíkhaphe ngobulungisa bakho ngenxa yabandilaleleyo;Yilungelelanise indlela yakho phambi kwam.

9. Ngokuba emlonyeni wabo akukho nto imiyo,Umbilini wabo ngumeyeliselo;Lingcwaba elivuliweyo umqala wabo;Bathetha okugudileyo ngolwimi lwabo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 5