Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 49:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. (Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo,Masincanywe ngonaphakade),

9. Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke,Angasiboni isihogo.

10. Ngokuba ubona izilumko zibhubha,Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala,Bayishiye nabanye imfuyo yabo.

11. Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade.Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana;Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.

12. Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala,Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.

13. Yiyo le indlela yabanyabileyo,Neyâbo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)

14. Babuthé ngokweegusha kwelabafileyo;Ukufa kuyabalúsa;Abathe tye bayabanyathela kwakusa;Isithomo sabo abo siyonakala kwelabafileyo, singabi nandawo yakuhlala.

15. Kodwa uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo,Ngokuba eya kundithabatha. (Phakamisani.)

16. Musa ukoyika, yakuba sisityebi indoda,Bakwànda ubuqaqawuli bendlu yayo:

17. Ngokuba ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento,Aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo.

18. Nakuba umntu ekudleni kwakhe ubomi ebewusikelela umphefumlo wakhe,Bekudumisa ngokuzichwayithisa kwakho,

19. Úya kuya noko esizukulwaneni sooyise;Abayi kukubona ukukhanya naphakade.

20. Ke umntu onobuhandiba, abe engaqondi,Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 49