Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 49:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Akukho bani unokukhulula umzalwana;Akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye

8. (Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo,Masincanywe ngonaphakade),

9. Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke,Angasiboni isihogo.

10. Ngokuba ubona izilumko zibhubha,Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala,Bayishiye nabanye imfuyo yabo.

11. Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade.Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana;Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.

12. Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala,Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.

13. Yiyo le indlela yabanyabileyo,Neyâbo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)

14. Babuthé ngokweegusha kwelabafileyo;Ukufa kuyabalúsa;Abathe tye bayabanyathela kwakusa;Isithomo sabo abo siyonakala kwelabafileyo, singabi nandawo yakuhlala.

15. Kodwa uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo,Ngokuba eya kundithabatha. (Phakamisani.)

16. Musa ukoyika, yakuba sisityebi indoda,Bakwànda ubuqaqawuli bendlu yayo:

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 49