Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 49:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala,Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.

13. Yiyo le indlela yabanyabileyo,Neyâbo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)

14. Babuthé ngokweegusha kwelabafileyo;Ukufa kuyabalúsa;Abathe tye bayabanyathela kwakusa;Isithomo sabo abo siyonakala kwelabafileyo, singabi nandawo yakuhlala.

15. Kodwa uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo,Ngokuba eya kundithabatha. (Phakamisani.)

16. Musa ukoyika, yakuba sisityebi indoda,Bakwànda ubuqaqawuli bendlu yayo:

17. Ngokuba ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento,Aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo.

18. Nakuba umntu ekudleni kwakhe ubomi ebewusikelela umphefumlo wakhe,Bekudumisa ngokuzichwayithisa kwakho,

19. Úya kuya noko esizukulwaneni sooyise;Abayi kukubona ukukhanya naphakade.

20. Ke umntu onobuhandiba, abe engaqondi,Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 49