Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 45:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Akùbunqwenela ubunzwakazi bakho ukumkani,Wòqubuda kuye, ngokuba eyinkosi yakho.

12. Intombi enguTire, izityebi zabantu,Ziya kukuncekelela ngomnikelo.

13. Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi.Isambatho sayo sesilukwe igolide.

14. Isiwa kukumkani ineengubo ezimfakamfele;Ziyilandela iintombi ezingowayo,Zisiwa kuwe,

15. Zisiwa ngovuyo nangomgcobo,Zingene ebhotweni lokumkani.

16. Endaweni yooyihlo iya kuba ngoonyana bakho;Ùya kubamisa babe ngabathetheli ehlabathini lonke.

17. Ndiya kulikhankanya igama lakho kwizizukulwana ngezizukulwana zonke;Ngenxa yoko izizwe ziya kubulela kuwe ngonaphakade kanaphakade.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 45