Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 45:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Yiva, ntombi, ubone, uthobe indlebe yakho,Ubalibale abantu bakowenu, nendlu kayihlo;

11. Akùbunqwenela ubunzwakazi bakho ukumkani,Wòqubuda kuye, ngokuba eyinkosi yakho.

12. Intombi enguTire, izityebi zabantu,Ziya kukuncekelela ngomnikelo.

13. Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi.Isambatho sayo sesilukwe igolide.

14. Isiwa kukumkani ineengubo ezimfakamfele;Ziyilandela iintombi ezingowayo,Zisiwa kuwe,

15. Zisiwa ngovuyo nangomgcobo,Zingene ebhotweni lokumkani.

16. Endaweni yooyihlo iya kuba ngoonyana bakho;Ùya kubamisa babe ngabathetheli ehlabathini lonke.

17. Ndiya kulikhankanya igama lakho kwizizukulwana ngezizukulwana zonke;Ngenxa yoko izizwe ziya kubulela kuwe ngonaphakade kanaphakade.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 45