Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 40:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ndaza ndathi, Yabona,Ndiyeza; encwadini esongwayo kubhaliwe ngam.

8. Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile;Nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.

9. Ndashumayela iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu;Yabona, andiwuthintelanga umlomo wam;Yehova, wena uyazi.

10. Ubulungisa bakho andibugqumanga phakathi kwentliziyo yam;Ndákukhankanya ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho;Andiyikhanyelanga inceba yakho nenyaniso yakho ebandleni elikhulu.

11. Wena, Yehova, akuyi kuzithintela iimfesane zakho kum;Inceba yakho nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza.

12. Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa;Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela;Buninzi kuneenwele zentloko yam;Ndimkelwe yintliziyo.

13. Ngamana, Yehova, wandihlangula;Yehova, wakhawuleza wandinceda!

14. Mabadane babe neentloni kupheleAbazungula umphefumlo wam ukuze bawuphephethe;Mababuye muva bahlazekeÁbananzé ukuba ndihlelwe bububi.

15. Mabamangaliswe ngumvuzo wehlazo laboAbathi kum, Tshotsho! Tshotsho!

16. Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakufunayo,Abaluthandayo usindiso lwakho bahlale besithi,Makenziwe mkhulu uYehova.

17. Mna ke ndilusizana, ndilihlwempu;INkosi iya kundikhumbulela.Umncedi wam nomsindisi wam nguwe;Thixo wam, musa ukulibala.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 40