Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 39:6-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ùhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa;Baxokozela ngomphunga nje kodwa;Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa.

7. Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam?Ukulinda kwam kukuwe.

8. Ndihlangule elukreqweni lwam lonke;Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge.

9. Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli,Ngokuba oko kwenziwe nguwe.

10. Sisuse kum isibetho sakho;Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho.

11. Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa,Ùyasonakalisa njengenundu isoya sakhe;Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)

12. Yiva umthandazo wam, Yehova,Kubekele indlebe ukuzibika kwam.Musa ukuthi tu ezinyembezini zam;Ngokuba ndingumphambukeli kuwe,Undwendwe, njengoobawo bonke.

13. Bheka phaya, ungandikhangeli, khendincumeze,Ndingekemki ndingabi sabakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 39