Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 39:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndathi, Ndiya kuzigcina iindlela zam,Ndingoni ngolwimi lwam;Ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam,Xa ongendawo asephambi kwam.

2. Ndaba sisidenge, ndathozama,Ndazisulungisa nakokulungileyo;Wagxobha-gxobheka umvandedwa wam.

3. Yaba nobushushu intliziyo yam phakathi kwam,Ekucamangeni kwam wavutha umlilo.Ndathetha ke ngolwimi lwam,

4. Ndathi, Ndázise, Yehova, isiphelo sam,Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo;Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo.

5. Yabona, ùyenzé imihla yam yangangobubanzi besandla;Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho;Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.)

6. Ùhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa;Baxokozela ngomphunga nje kodwa;Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa.

7. Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam?Ukulinda kwam kukuwe.

8. Ndihlangule elukreqweni lwam lonke;Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge.

9. Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli,Ngokuba oko kwenziwe nguwe.

10. Sisuse kum isibetho sakho;Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho.

11. Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa,Ùyasonakalisa njengenundu isoya sakhe;Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)

12. Yiva umthandazo wam, Yehova,Kubekele indlebe ukuzibika kwam.Musa ukuthi tu ezinyembezini zam;Ngokuba ndingumphambukeli kuwe,Undwendwe, njengoobawo bonke.

13. Bheka phaya, ungandikhangeli, khendincumeze,Ndingekemki ndingabi sabakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 39