Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 38:6-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndiyapenapena, ndisibekeke kakhulu;Yonke imini ndihamba-hamba ngezimnyama zokuzila.

7. Ngokuba kuyatshisa emihlubulweni yam,Akukho ndawo iphilileyo enyameni yam.

8. Ndiqobekile, ndityumkile kakhulu;Ndibhongiswa kukugcuma kwentliziyo yam.

9. Nkosi yam, úphambi kwakho wonke umnqweno wam,Nokuncwina kwam akusithele kuwe.

10. Iphaphu lam liyabetha, ndiphelélwe ngamandla;Ukukhanya kwamehlo am, nako oko, akukho kum.

11. Abandithandayo nowethu bamele mgama ekubethweni kwam,Nezalamane zam zimi kude.

12. Bandithiyele abafuna umphefumlo wam;Abangxamele ukuba ndihlelwe bububi bathetha izinto zokweyelisela,Bacamanga inkohliso imini yonke.

13. Ke mna ndinjengesithulu, andiva;Njengesidenge esingawuvuliyo umlomo waso.

14. Ndinjengomntu ongeva nto,Omlomo ungenakuthethisa.

15. Ngokuba ndilindéle kuwe, Yehova;Kuya kuphendula wena, Nkosi yam, Thixo wam,

16. Ngokuba ndithi, Hleze bandivuyeleleBona abo bangázikhulisayo kum ekutyibilikeni konyawo lwam.

17. Ngokuba ndihlalele ukujingxela,Umvandedwa wam uphambi kwam amaxesha onke.

18. Ngokuba ndiya kubuxela ubugwenxa bam;Ndinesithukuthezi ngenxa yesono sam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 38