Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 37:21-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Úyaboleka ongendawo, angabuyisi;Ke lona ilungisa liyababala, liphe.

22. Ngokuba abasikelelweyo nguye baya kulidla ilifa ilizwe,Banqanyulwe abatshabhisiweyo nguye.

23. Amanyathela omfo aqiniswa nguYehova,Ayithande indlela yakhe.

24. Ewíle, akayi kuqungquluza,Ngokuba nguYehova umxhasi wesandla sakhe.

25. Ndaka ndamtsha, kungokunje ndimdala;Ukanti andizanga ndilibone ilungisa lishiywa,Nembewu yalo ivukela ukutya.

26. Imihla yonke liyababala, liboleke abanye;Nembewu yalo iyintsikelelo.

27. Suka ebubini, wenze okulungileyo,Uhlale ngonaphakade.

28. Ngokuba uYehova uthanda okusesikweni,Angabashiyi abenceba bakhe;Bagciniwe ngonaphakade:Ke yona imbewu yongendawo iyanqanyulwa.

29. Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe,Ahlale kulo ngonaphakade.

30. Umlomo welungisa uxela ubulumko,Nolwimi lwalo luthetha okusesikweni.

31. Umyalelo woThixo walo usentliziyweni yalo;Akayi kuhexa amanyathela alo.

32. Ongendawo uyalilalela ilungisa,Ufuna ukulibulala.

33. UYehova akalinikeli esandleni sakhe,Angàligwebi ekuthethweni kwetyala lalo.

34. Thembela kuYehova, ugcine indlela yakhe;Wokuphakamisa, ulidle ilifa ilizwe;Ekunqanyulweni kongendawo wobonela.

35. Ndimbonile ongendawo, oyingqwangangqwili,Exanda njengomthi omilileyo, uluhlaza;

36. Kwadlula umntu, nanko engasekho; Ndamfuna, akafumaneka.

37. Gcina ogqibeleleyo, ukhangele othe tye;Ngokuba izivela-mva zezomntu woxolo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 37