Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 37:11-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe,Baziyolise ngobuninzi boxolo.

12. Ongendawo ulenzela amayelenqe ilungisa,Ulitshixizela amazinyo akhe.

13. INkosi iyamhleka,Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe.

14. Barholé ikrele abangendawo, bagobé isaphetha sabo,Ukuba bawise usizana nehlwempu,Basike abandlela zithe tye.

15. Ikrele labo liya kungena kwakweyabo intliziyo,Zaphuke izaphetha zabo.

16. Ilungile intwana elinayo ilungisa,Kunentabalala abanayo abangendawo abaninzi:

17. Ngokuba iingalo zabangendawo ziya kwaphulwa;NguYehova umxhasi wamalungisa.

18. NguYehova umazi wemihla yabagqibeleleyo,Nelifa labo liya kuba ngunaphakade.

19. Àbayi kudana ngexesha lobubi;Baya kuhlutha ngeemini zendlala:

20. Ngokuba abangendawo bayatshabalala;Iintshaba zikaYehova zinjengobuhle bamadlelo;Ziya kuphela njengomsi, ziphele.

21. Úyaboleka ongendawo, angabuyisi;Ke lona ilungisa liyababala, liphe.

22. Ngokuba abasikelelweyo nguye baya kulidla ilifa ilizwe,Banqanyulwe abatshabhisiweyo nguye.

23. Amanyathela omfo aqiniswa nguYehova,Ayithande indlela yakhe.

24. Ewíle, akayi kuqungquluza,Ngokuba nguYehova umxhasi wesandla sakhe.

25. Ndaka ndamtsha, kungokunje ndimdala;Ukanti andizanga ndilibone ilungisa lishiywa,Nembewu yalo ivukela ukutya.

26. Imihla yonke liyababala, liboleke abanye;Nembewu yalo iyintsikelelo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 37