Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 30:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa,Akwazivuyisa iintshaba zam ngam.

2. Yehova, Thixo wam,Ndazibika kuwe, wandiphilisa;

3. Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam,Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini.

4. Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba,Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.

5. Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe,Itarhu lakhe liyinto yobomi;Ngokuhlwa kulalisa ukulila,Kusasa kubakho ukumemelela.

6. Ke mna ndathi ebunqobeni bam,Andiyi kushukunyiswa naphakade.

7. Yehova, enkolosekweni yakho ùbuyiqinisile intaba yam;Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa.

8. Ndadanduluka kuwe, Yehova,Ndakhunga kuYehova:

9. Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhlèni kwam ndiye esihogweni?Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?

10. Yiva, Yehova, undibabale;Yehova, yiba ngumncedi wam.

11. Wakugúqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba;Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo,

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 30