Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 22:18-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Babelana ngeengubo zam,Isambatho sam basenzela amaqashiso.

19. Ke wena, Yehova, musa ukuba kude;Mandla am, khawuleza undincede.

20. Wuhlangule ekreleni umphefumlo wam,Okuphela kwawo, ethupheni lenja.

21. Ndísindise emlonyeni wengonyama,Nasezimpondweni zenqu ùya kundiphendula.

22. Ndiya kulazisa igama lakho kubazalwana bam,Ndikudumise phakathi kwebandla, ndithi,

23. Nina nimoyikayo uYehova, mdumiseni;Nonke, mbewu kaYakobi, mzukiseni,Nimhlonele nina, mbewu yonke kaSirayeli.

24. Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana;Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye;Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.

25. Ivela kuwe indumiso yam ebandleni elikhulu;Nezibhambathiso zam ndiya kuzizalisa phambi kwabamoyikayo.

26. Baya kudla abalulamileyo, bahluthe;Baya kudumisa uYehova abamngxamelayo.Ngamana yaphila intliziyo yenu ngonaphakade!

27. Ziya kukhumbula zibuyele kuYehova zonke iziphelo zehlabathi,Iqubude phambi kwakhe yonke imizalwane yeentlanga:

28. Ngokuba bobukaYehova ubukumkani,Nguye umlawuli ezintlangeni.

29. Baya kudla, baqubude, bonke abatyebileyo behlabathi;Baya kuguqa phambi kwakhe bonke abatshona eluthulini,Abangàwugciniyo umphefumlo wabo.

30. Imbewu iya kumkhonza;Kuya kubaliselwa isizukulwana ngayo iNkosi.

31. Baya kuza baxele ubulungisa bayoKubantu abaza kuzalwa, ukuba oko ukwenzile.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 22