Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 22:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Thixo wam, Thixo wam, undilahleleni na?Ùkude ngani na ekusindisweni kwam, nasemazwini okubonga kwam?

2. Thixo wam, ndiyabiza emini, ungaphenduli;Nasebusuku ndiyabiza, andithozanyiswa noko.

3. Ùngcwele ke wena,Ungulohlala ezindumisweni zakwaSirayeli.

4. Oobawo bákholosa ngawe,Bakholosa, wabasiza;

5. Bakhala kuwe, basinda;Bakholosa ngawe, àbadana.

6. Ke mna ndingumbungu, andimntu;Ndisisingcikivo soluntu, into edelekileyo ebantwini.

7. Bonke abandibonayo bayandigculela;Bayasineka, bahlunguzela intloko;

8. Bathi, Makazilahlele kuYehova, amsize,Amhlangule kaloku, ngokuba emthandile.

9. Ewe, nguwe umtyhobozisi wam esizalweni,Inkolosisi yam ndisemabeleni kama.

10. Ndalahlelwa kuwe kwasesizalweni;Kwasembilinini kama ubunguThixo wam.

11. Musa ukuba kude nam, ngokuba isondele imbandezelo,Ngokuba akukho mncedi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 22