Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:5-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Izintya zelabafileyo zandibhijela;Izirhintyelo zokufa zabetha kum.

6. Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova,Ndazibika kuThixo wam;Waliva etempileni yakhe izwi lam,Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe.

7. Lahexa ke lanyikima ihlabathi,Iziseko zeentaba zagungqa,Zahexa, ngokuba enomsindo.

8. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,Wadla umlilo, uphuma emlonyeni wakhe,Kwavutha amalahle ephuma kuwo.

9. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.

10. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wee tshwebelele ngamaphiko omoya.

11. Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye;Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu.

12. Ekukhanyeni okuphambi kwakhe, kwatyhoboza emafini akheIsiphango samatye, namalahle omlilo.

13. Wadudumisa ezulwini uYehova,Ophezu konke walikhupha ilizwi lakhe.Yasisiphango samatye namalahle omlilo.

14. Wathuma iintolo zakhe, wabaphangalalisa;Yamininzi imibane, wabadubaduba.

15. Imiphantsi yamanzi yabonakala,Kwatyhileka iziseko zelimiweyoNgokukhalima kwakho, Yehova,Ngokufutha komoya womsindo wakho.

16. Wolula isandla ephezulu, wandibamba,Wandirhola emanzini amaninzi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18