Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:39-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Wandibhinqisa ubukroti ekulweni,Wabaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum;

40. Wandinika ikhosi leentshaba zam,Abandithiyayo ndababhangisa.

41. Bazibika, akwabakho msindisi; Bazibika kuYehova, akabaphendula.

42. Ndabacola, banjengothuli phambi komoya,Ndabaphalaza njengodaka lwezitrato.

43. Wandisiza ekubambaneni kwabantu,Wandimisa ndayintloko yeentlanga;Abantu ebe ndingabazi bandikhonza.

44. Besave ngeendlebe, bandithobela,Oonyana bolunye uhlanga bahanahanisa kum;

45. Oonyana bolunye uhlanga bantshwenya,Baphuma bengcangcazela ekuvingcelweni kwabo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18