Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:24-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Wandibuyisela ke uYehova ngokobulungisa bam,Ngokobunyulu bezandla zam phambi kwamehlo akhe.

25. Kowenceba ùzenza owenceba,Kwigorha eligqibeleleyo uzenza ogqibeleleyo;

26. Kozenze nyulu uzenza onyulu,Kojibilizayo uzenza onobuqhokolo.

27. Ngokuba wena uyabasindisa abantu ababandezelekileyo,Uwathobe amehlo aqwayingileyo.

28. Ngokuba ùyasilumeka isibane sam wena;UYehova uThixo wam uyabukhanyisela ubumnyama bam.

29. Ngokuba ngawe ndigila amajarha,NgoThixo wam ndiqabela ezindongeni.

30. UThixo yena, igqibelele indlela yakhe;Ilizwi likaYehova linyibilikisiwe,Úyingweletshetshe kubo bonke abazimela ngaye.

31. Ngokuba ngubani na onguThixo, ingenguye uYehova?Ngubani na oliliwa, ingenguThixo wethu?

32. UloThixo undibhinqise ubukroti,Uyigqibelelisileyo indlela yam;

33. Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi,Undimisayo emimangweni yam;

34. Uzifundisayo ukulwa izandla zam,Zityede isaphetha sobhedu iingalo zam.

35. Undinikileyo ingweletshetshe yosindiso lwakho;Sandixhasa isandla sakho sokunene;Ululamo lwakho lwandikhulisa.

36. Wawenzela indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam,Amaxhwele am akahexa.

37. Ndazisukela iintshaba zam, ndazifumana;Andabuya zada zaphela.

38. Ndaziqoba; azaba nakuvuka,Zawa phantsi kweenyawo zam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18