Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:18-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Bandifikela ngemini yokusindeka kwam,UYehova wandixhasa.

19. Wandikhuphela endaweni ebanzi,Wandihlangula, ngokuba endithandile.

20. UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam,Wandibuyisela ngokobunyulu bezandla zam.

21. Ngokuba ndizigcina iindlela zikaYehova,Andemka ngokungendawo kuThixo wam.

22. Ngokuba onke amasiko akhe aphambi kwam,Nemimiselo yakhe andiyisusi kum;

23. Ndaye ndingogqibeleleyo kuye,Ndazigcina, andaba nabugwenxa,

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18