12. Ekukhanyeni okuphambi kwakhe, kwatyhoboza emafini akheIsiphango samatye, namalahle omlilo.
13. Wadudumisa ezulwini uYehova,Ophezu konke walikhupha ilizwi lakhe.Yasisiphango samatye namalahle omlilo.
14. Wathuma iintolo zakhe, wabaphangalalisa;Yamininzi imibane, wabadubaduba.
15. Imiphantsi yamanzi yabonakala,Kwatyhileka iziseko zelimiweyoNgokukhalima kwakho, Yehova,Ngokufutha komoya womsindo wakho.
16. Wolula isandla ephezulu, wandibamba,Wandirhola emanzini amaninzi.
17. Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla,Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.