Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndikuthanda ngembilini yam, Yehova, lomelelo lwam.

2. Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam,Thixo wam, liwa lam endizímela ngalo,Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam!

3. Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa,Ndiyasindiswa ezintshabeni zam.

4. Izintya zokufa zandijikela;Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa.

5. Izintya zelabafileyo zandibhijela;Izirhintyelo zokufa zabetha kum.

6. Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova,Ndazibika kuThixo wam;Waliva etempileni yakhe izwi lam,Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe.

7. Lahexa ke lanyikima ihlabathi,Iziseko zeentaba zagungqa,Zahexa, ngokuba enomsindo.

8. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,Wadla umlilo, uphuma emlonyeni wakhe,Kwavutha amalahle ephuma kuwo.

9. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.

10. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wee tshwebelele ngamaphiko omoya.

11. Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye;Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18