Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 12:5-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngenxa yokubhuqwa kweentsizana, ngenxa yokuncwina kwamahlwempu,Ndiya kusuka ndime ngoku, utsho uYehova;Ndiya kumbeka elusindisweni lowo ululangazelelayo.

6. Amazwi kaYehova ngamazwi acocekileyo,Yisilivere enyibilikiselwe eziko, yéla emhlabeni,Ehluzwe kasixhenxe.

7. Wena, Yehova, uya kubagcina,Ùya kubalondoloza kwesi sizukulwana ngonaphakade.

8. Abangendawo bahambahamba ngeenxa zonke,Xa kuphakanyiswe abangeni phakathi koonyana babantu.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 12