Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 106:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Haleluya!Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

2. Ngubani na onokuzixela izenzo zobugorha bukaYehova,Onokuyivakalisa yonke indumiso yakhe?

3. Hayi, uyolo lwabaligcinayo isiko,Lwabenza ubulungisa ngamaxesha onke!

4. Ndíkhumbule, Yehova, ekwenzeni kwakho isisa kubantu bakho;Ndíyelele ngosindiso lwakho,

5. Ukuze ndibone inyhweba yabanyulwa bakho,Ndivuye ekuvuyeni kohlanga lwakho,Ndiqhayise kunye nelifa lakho.

6. Sonile, thina noobawo;Senzé ubugwenxa, senzé okungendawo.

7. Oobawo abayiqiqanga eYiputa imisebenzi yakho ebalulekileyo;Ababukhumbulanga ubuninzi beenceba zakho;Baphika elwandle, eLwandle oluBomvu.*

8. Wábasindisa ngenxa yegama lakhe,Ukuze abazíse ubugorha bakhe.

9. Walukhalimela uLwandle oluBomvu, loma,Wabahambisa emanzini anzongonzongo kwanga kusentlango.

10. Wabasindisa esandleni sobathiyayo,Wabakhulula esandleni sotshaba.

11. Amanzi abagubungela ababandezeli babo,Akwasala namnye kubo.

12. Bakholwa ke ngamazwi akhe,Bayivuma indumiso yakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 106