Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 104:7-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ekukhalimeni kwakho asaba,Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;

8. Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.

9. Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.

10. Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni;Ihamba phakathi kweentaba;

11. Iseza zonke iinyamakazi zasendle;Amaesile asendle aqabula inxano lawo.

12. Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu,Zitsholoza phakathi kwamasebe;

13. Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu;Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.

14. Ulontshulisela iinkomo utyani,Nomfuno wokunceda umntu;Ukuze kuphume isonka emhlabeni.

15. Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu;Bukhazimle ubuso ngeoli,Isonka siyixhase intliziyo yomntu.

16. Iyahlutha imithi kaYehova,Imisedare* yaseLebhanon awayityalayo,

17. Apho zakhela khona iintaka;Ingwamza, isemisipresini* indlu yayo.

18. Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo,Amawa azímela iimbila.

19. Inyanga wayenzela amaxesha ayo,Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.

20. Wènza ubumnyama wena, kube sebusuku,Ashukume ngabo onke amarhamncwa ehlathi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 104