Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 104:16-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Iyahlutha imithi kaYehova,Imisedare* yaseLebhanon awayityalayo,

17. Apho zakhela khona iintaka;Ingwamza, isemisipresini* indlu yayo.

18. Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo,Amawa azímela iimbila.

19. Inyanga wayenzela amaxesha ayo,Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.

20. Wènza ubumnyama wena, kube sebusuku,Ashukume ngabo onke amarhamncwa ehlathi.

21. Iingonyama ezintsha zigqumela ukuqwenga,Zifuna ukudla kwazo kuThixo.

22. Lakuthi chapha ilanga, ziyahlanganisana,Zibuthume ezikhundleni zazo.

23. Úyaphuma umntu aye emsebenzini wakheNasenkonzweni yakhe, ahlwise.

24. Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova!Zonke ziphela uzenzé ngobululumko;Ùzele umhlaba zizidalwa zakho.

25. Nâlo ulwandle lulukhulu, lubanzi ngeenxa zombini;Kulapho kuzinambuzane zingenakubalwa,Ezincinane kwanezikhulu izinto eziphilileyo.

26. Kulapho kuhamba iinqanawa;Nango umnenga owawubumbela ukudlala kulo.

27. Zonke ezo nto ziphela zikhangele kuwe,Ukuba uzìnike ukudla kwazo ngexesha elililo.

28. Ùyazinika, ziyachola;Ùyasivula isandla sakho, ziyahlutha kokulungileyo.

29. Ùyabusithelisa ubuso bakho, ziyakhwankqiswa;Ùyawuhlanganisa umoya wazo, ziphume umphefumlo,Zibuyèle eluthulini lwazo.

30. Ùthuma umoya wakho, ziyadalwa,Ubuhlaziye ubuso bomhlaba.

31. Ubuqaqawuli bukaYehova mabube ngunaphakade;UYehova makavuye ngezenzo zakhe;

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 104