Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 104:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Mbonge uYehova, mphefumlo wam.Yehova, Thixo wam, umkhulu kakhulu;Wàmbethe indili nobungangamela.

2. Ulothi wambu ukukhanya njengengubo,Ulolaneka izulu njengelengalenga lentente;

3. Ulohlanganisa emanzini imiqadi yamagumbi akhe aphezulu;Ulowenza amafu inqwelo yakhe,Ulohamba ngamaphiko omoya;

4. Ulowenza izithunywa zakhe imimoya,Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo.

5. Wáliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo,Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.

6. Wáligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho,Ema amanzi phezu kweentaba.

7. Ekukhalimeni kwakho asaba,Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;

8. Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.

9. Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.

10. Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni;Ihamba phakathi kweentaba;

11. Iseza zonke iinyamakazi zasendle;Amaesile asendle aqabula inxano lawo.

12. Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu,Zitsholoza phakathi kwamasebe;

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 104