Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 103:5-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Lo uwuzalisayo umlomo wakho ngento elungileyo,Buhlaziyeke ubutsha bakho njengobokhozi.

6. NguYehova umenzi wemisebenzi yobulungisa,Nezigwebo ngenxa yabacudisiweyo bonke;

7. Umazisi weendlela zakhe kuMoses,Wezenzo zakhe ezincamisayo koonyana bakaSirayeli.

8. Unemfesane enobabalo uYehova,Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.

9. Akaphiki kuphele,Akawugcini umsindo ngonaphakade.

10. Akenzi kuthi ngokwezono zethu,Akasiphathi ngokobugwenxa bethu;

11. Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba,Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;

12. Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga,Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;

13. Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana,Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.

14. Ngokuba ùyakwazi yena ukubunjwa kwethu,Ekhumbula ukuba siluthuli.

15. Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe;Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe.

16. Xa uthe umoya wadlula kuyo, ayibikho,Ingabi sazana nayo indawo yayo.

17. Ke yona inceba ka Yehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni,Nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana;

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 103