Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 101:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiya kuvuma ngenceba nangomgwebo;Ndiya kukubethela uhadi, Yehova.

2. Ndiya kuqiqa indlela yengqibelelo;Ùya kuza nini na kum?Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yamPhakathi kwendlu yam.

3. Andiyi kubeka phambi kwamehlo amNto inobutshijolo.Ukwenza ngokunxaxha ndikuthiyile,Akuyi kunamathela kum.

4. Intliziyo ejibilizayo iya kukhwelela kude kum;Into embi andiyi kuyazi.

5. Omhlebayo ummelwane wakhe ngasese,Lowo ndiya kumbhangisa.Omehlo aqwayingileyo, ontliziyo igungubeleyo,Lowo andinakumthwala.

6. Amehlo am akwabanyanisayo ezweni,Ukuba bandiphahle;Ohamba ngendlela yengqibelelo,Lowo makandilungiselele.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 101