Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 6:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wazohlwaya uYehova, ngokuba emenzile umntu ehlabathini, kwaba buhlungu kuye entliziyweni.

7. Wathi uYehova, Ndiya kumcima umntu endimdalileyo, angabikho ehlabathini, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kuse ezinambuzaneni, kuse ezintakeni zezulu, ngokuba ndizohlwaya ngokuba ndizenzile ezo zinto.

8. UNowa yena wababalwa nguYehova.

9. Yiyo le ke inzala kaNowa. UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo.

10. UNowa wazala oonyana abathathu: uShem noHam noYafete.

11. Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo.

12. UThixo walikhangela ihlabathi, nâlo, lonakele! Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini.

13. Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonákalisa, bona ndawonye nehlabathi.

14. Zénzele ke umkhombe ngemithi yegofere,* uwenze izindlu umkhombe, uwuqabe ngaphakathi nangaphandle ngebhitumene.*

15. Wénjenje ukuwenza: bube ngamakhulu omathathu eekubhite* ubude bomkhombe, namashumi omathathu eekubhite ububanzi bawo, namashumi omathathu eekubhite ukuphakama kwawo.

16. Wenze ikroba emkhombeni, ukuligqiba kwakho kube yikubhite enye, ithabathela phezulu; umnyango womkhombe uwumise ecaleni lawo; wenze izindlu zodidi lwaphantsi, nolwesibini, nolwesithathu.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 6