Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 6:2-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. bazibona oonyana bakaThixo iintombi zabantu ukuba zintle, bazeka abafazi kuzo zonke abazinyuláyo.

3. Wathi uYehova, UMoya wam akayi kulawula ebantwini ngonaphakade; ekulahlekeni kwabo bayinyama; imihla yabo iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini.

4. Kwakukho iingxilimbela ehlabathini ngaloo mihla; kananjalo emveni koko, xeshikweni oonyana bakaThixo bangenáyo kuzo iintombi zabantu, zabazalela abantwana. Aba baba ngamagorha ababekho kwasephakadeni, amadoda adumileyo.

5. Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, konke ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa imihla yonke.

6. Wazohlwaya uYehova, ngokuba emenzile umntu ehlabathini, kwaba buhlungu kuye entliziyweni.

7. Wathi uYehova, Ndiya kumcima umntu endimdalileyo, angabikho ehlabathini, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kuse ezinambuzaneni, kuse ezintakeni zezulu, ngokuba ndizohlwaya ngokuba ndizenzile ezo zinto.

8. UNowa yena wababalwa nguYehova.

9. Yiyo le ke inzala kaNowa. UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo.

10. UNowa wazala oonyana abathathu: uShem noHam noYafete.

11. Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo.

12. UThixo walikhangela ihlabathi, nâlo, lonakele! Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini.

13. Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonákalisa, bona ndawonye nehlabathi.

14. Zénzele ke umkhombe ngemithi yegofere,* uwenze izindlu umkhombe, uwuqabe ngaphakathi nangaphandle ngebhitumene.*

15. Wénjenje ukuwenza: bube ngamakhulu omathathu eekubhite* ubude bomkhombe, namashumi omathathu eekubhite ububanzi bawo, namashumi omathathu eekubhite ukuphakama kwawo.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 6