Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 5:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Iyonke imihla kaKenan yaba yiminyaka emakhulu asithoba, aneminyaka elishumi; wafa ke.

15. UMahalaleli wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uYerede.

16. UMahalaleli wahlala emveni kokuzala kwakhe uYerede iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mathathu; wazala oonyana neentombi.

17. Iyonke imihla kaMahalaleli yaba yiminyaka emakhulu asibhozo, anamanci asithoba anamihlanu; wafa ke.

18. UYerede wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathandathu anamibini, wazala uEnoki.

19. UYerede wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoki iminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.

20. Iyonke imihla kaYerede yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathandathu anamibini; wafa ke.

21. UEnoki wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uMethusela.

22. UEnoki wahamba noThixo, emveni kokuzala kwakhe uMethusela, iminyaka emakhulu mathathu; wazala oonyana neentombi.

23. Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu.

24. UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha.

25. UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 5