1. Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo.
2. Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam,* mhlana wabadala.
3. UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete.
4. Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.
5. Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke.
6. USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe.
7. USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi.
8. Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke.
9. UEnoshe wahlala iminyaka emashumi asithoba, wazala uKenan.
10. UEnoshe wahlala emveni kokuzala kwakhe uKenan iminyaka emakhulu asibhozo anashumi-nye linamihlanu; wazala oonyana neentombi.
11. Iyonke imihla kaEnoshe yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamihlanu; wafa ke.
12. UKenan wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uMahalaleli.
13. UKenan wahlala emveni kokuzala kwakhe uMahalaleli iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mané: wazala oonyana neentombi.
14. Iyonke imihla kaKenan yaba yiminyaka emakhulu asithoba, aneminyaka elishumi; wafa ke.
15. UMahalaleli wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uYerede.
16. UMahalaleli wahlala emveni kokuzala kwakhe uYerede iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mathathu; wazala oonyana neentombi.
17. Iyonke imihla kaMahalaleli yaba yiminyaka emakhulu asibhozo, anamanci asithoba anamihlanu; wafa ke.
18. UYerede wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathandathu anamibini, wazala uEnoki.
19. UYerede wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoki iminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.
20. Iyonke imihla kaYerede yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathandathu anamibini; wafa ke.
21. UEnoki wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uMethusela.
22. UEnoki wahamba noThixo, emveni kokuzala kwakhe uMethusela, iminyaka emakhulu mathathu; wazala oonyana neentombi.
23. Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu.
24. UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha.
25. UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki.
26. UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana neentombi.
27. Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke.
28. ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana.
29. Wamthiya igama elinguNowa,* esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.
30. ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakhulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi.
31. Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anesixhenxe; wafa ke.
32. Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete.