kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50

Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Imfazwe yookumkani; ukuthinjwa kukaLote nokuhlangulwa kwakhe

1. Kwathi ngemihla ka-Amrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare, noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi,*

2. benza imfazwe noBhera ukumkani waseSodom, noBhirsha ukumkani waseGomora, noShinabhi ukumkani waseAdama, noShemebhere ukumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare.

3. Bonke abo baqukana entilini yaseSidim, eluLwandle lweTyuwa.

4. Iminyaka elishumi elinamibini bakhonza uKedorlahomere, bathi ngomnyaka weshumi elinantathu bagwilika.

5. Ngomnyaka weshumi elinaminé weza uKedorlahomere nookumkani ababanaye, bawatshabalalisa amaRafa eAshtaroti-karnayim, namaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim,

6. namaHori entabeni yawo yakwaSehire, kwasà kwiElparan, engasentlango.

7. Bajika, beza e-En-mishpati eyiKadeshe, balitshabalalisa lonke ilizwe lakwa-Amaleki, nama-Amori abehleli eHatsetson-tamare.

8. Waphuma ukumkani waseSodom, nokumkani waseGomora, nokumkani waseAdama, nokumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare, bakha uluhlu lokulwa nabo entilini yaseSidim;

9. noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi, noAmrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare: ookumkani abahlanu balwa nabané.

10. Ke intili yaseSidim yaye iyimingxuma yodwa yebhitumene;* basaba ookumkani, owaseSodom, nowaseGomora, beyela khona, amasalela asabela entabeni.

11. Bayithabatha yonke impahla yaseSodom, neGomora, nako konke ukudla kwabo, bemka.

12. Bamthabatha noLote, nempahla yakhe, unyana womninawa ka-Abram, bemka; kuba wayehleli eSodom.

13. Wafika osindileyo, waxelela uAbram, umHebhere; yena ebehleli eMiokini* kaMamre umAmori, umzalwana kaEshkoli, nomzalwana ka-Anere; bona ke bebengamanqophisana noAbram.

14. Weva ke uAbram, ukuba uthinjiwe umzalwana wakhe, wawaphalaza amadoda akhe aqeqeshiweyo, azalelwe endlwini yakhe, angamakhulu mathathu aneshumi elinesibhozo, wasukela, waya kufika kwaDan.

15. Wawahlulahlula, wabawela ebusuku, yena nabakhonzi bakhe, wabagxotha, wabasukela wasa eHobha, engasekhohlo kweDamasko.

16. Wazibuyisa zonke iimpahla, kwanoLote umzalwana wakhe, wazibuyisa neempahla zakhe, kwanabafazi nabantu.

17. Waphuma ukumkani waseSodom, esiya kumkhawulela ekubuyeni kwakhe ekutshabalaliseni uKedorlahomere, nookumkani ebabenaye, entilini yeShave, eyintili yookumkani.

UMelkitsedeke usikelela uAbram

18. UMelkitsedeke,* umkukani waseSalem, waphuma enesonka newayini; ubengumbingeleli kaThixo Osenyangweni.

19. Wamsikelela wathi, Makasikelelwe uAbram nguThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi!

20. Makabongwe uThixo Osenyangweni obanikeleyo ababandezeli bakho esandleni sakho. UAbram wamnika isishumi seento zonke.

21. Wathi ukumkani waseSodom, kuAbram, Ndínike abantu, uthabathe impahla.

22. Wathi uAbram kukumkani waseSodom, Isandla sam ndisiphakamisele kuYehova uThixo Osenyangweni,

23. uMninimazulu nehlabathi, ukuba andiyi kuthabatha nosinga, nokuba ngumtya wembadada, ukuba andiyi kuthabatha kuko konke okwakho; ukuze ungàtsho ukuthi, Mna ndimtyebisile uAbram.

24. Makungabikho nto iyeyam, kuphela ibe yile nto idliweyo ngabafana, nesabelo samadoda abehamba nam, uAnere, noEshkoli, noMamre; wona makasithabathe isabelo sawo.