10. Intonga ayayi kumka kuYuda,Intonga yommisi-mthetho ayayi kumka phakathi kweenyawo zakhe,Ade afike uShilo,Zimlulamele izizwe.
11. NguKhuleka emdiliyeni imazi yakhe ye-esile,UKhuleka kowohlobo inkonyana yakhe ye-esile;UHlamba ngewayini isambatho sakhe,Ngegazi lediliya ingubo yakhe;
12. UMehlo abomvu yiwayini,UMazinyo amhlophe ngamasi.
13. UZebhulon uya kuma ngasezibukweni lolwandle,
14. Ewe, ngasezibukweni leenqanawa,Icala lakhe lisingise eTsidon.UIsakare yinyathi ye-esile,Ulala phakathi kweentlanti.
15. Wakúbona ukuphumla ukuba kulungile,Nelizwe ukuba limnandi;Igxalaba lakhe walithobela ukuthwala,Waba ngumsébenzi ofakwa uviko.
16. UDan uya kugweba phakathi kwabantu bakowabo,Njengezinye izizwe zakwaSirayeli.
17. UDan makabe yinyoka ngasendleleni,Irhamba ngasemendweni,Eliluma izithende zehashe,Awe ngomva olikhweleyo.