Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 48:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. USirayeli wathi kuYosefu, Ukubona ubuso bakho bendingasakucingi; nanku uThixo endibonise nembewu yakho.

12. UYosefu wabakhupha phakathi kwamadolo akhe, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni.

13. UYosefu wabathabatha bobabini, uEfrayim ngesokunene kwesasekhohlo sikaSirayeli, noManase ngesokhohlo kwesokunene sikaSirayeli, wabasondeza kuye.

14. USirayeli wasolula esokunene sakhe, wasibeka entloko kuEfrayim engomncinane, nesokhohlo sakhe entloko kuManase, ezenjenjalo izandla zakhe ngengqiqo; ngokuba uManase ebengowamazibulo.

15. Wamsikelela uYosefu, wathi, Ngamana uThixo, abâhamba phambi kwakhe oobawo uAbraham noIsake, owandondla kwasekuveleni kwam kwada kwanamhla, osisithunywa esindikhululeyo ebubini bonke,

16. angabasikelela abafana, lithi igama lam negama loobawo libizwe phezu kwabo, uAbraham noIsake, bande, babe baninzi ehlabathini.

17. Wabona uYosefu ukuba uyise usibeke isandla sakhe sokunene entloko kuEfrayim, kwakubi emehlweni akhe; wasibamba isandla sikayise wasishenxisa entlokweni kaEfrayim, esisa entlokweni kaManase.

18. Wathi uYosefu kuyise, Makungabi njalo, bawo, kuba nguló owamazibulo; beka esokunene entlokweni yakhe.

19. Àkavuma uyise, wathi, Ndiyazi, nyana wam, ndiyazi; naye uya kuba sisizwe, naye uya kuba mkhulu; kodwa umninawa wakhe uya kuba mkhulu kuye, nembewu yakhe ibe ziintlanga ezininzi.

20. Wabasikelela ngaloo mini, esithi, Ngawe ùya kusikelela uSirayeli, esithi, Ngamana uThixo wakwenza njengoEfrayim nanjengoManase. Wambeka ke uEfrayim phambi koManase.

21. USirayeli wathi kuYosefu, Yabona, ndiza kufa; uThixo uya kuba nani, anibuyisele ezweni looyihlo.

22. Mna ndikuniké isiqwenga somhlaba ngaphezu kwabazalwana bakho, eso ndasithimbayo esandleni sama-Amori, ngekrele lam nangesaphetha sam.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 48